Duration:1min 19sec

Transcript

THANDEKA: Kubalulekile ke ukuba kubekho umntu omthembileyo kusapho lwakho nalapho uzakuthi umchazele ngesigulo sakho khonukuze akwazi ukubasecaleni kwakho yaye akuxhase.

Translation: Health workers advise that a person living with AIDS should have someone who he or she can talk to and who can support them.  

LULU: Ekhaya ndiyaziwa. Umama wam uyandazi nee in-laws zam ziyandazi. Umamam use Ciskei   eSada (Eastern Cape). II-in-laws zam zikhona ezise eSite-B kwalapha eKhayelitsha zi-supportive too much kuthi   nomyeni wam u-supportive ngeyona ndlela.

Translation: They know me at home. My mother knows about my status and my in-laws too. My mother is at Sada in Ciskei (Eastern Cape). My in-laws are here at Site-B in Khayelitsha they are so supportive and my husband too.

THANDEKA: Neyinto ethini ke mhlawumbi? Uyakufumanisa ukuba abantu abatshatileyo baba nengxaki yokuba bavele. Xa umntu ongumama njengokuba usazi ukuba bayakhulelwa kakhulu bavela ngelaxesha. Athi umntu xa ezakuchaza emyenini okanye kwifamily ufumanise nokuba uyaqhawuka nalo mtshato. Kuwe khange ibe njalo.

Translation: What does this mean to you? It is common that married couples go separate ways after they have discovered that their partner is HIV positive. This often happens when a mother is pregnant and she discovers her status during her antenatal clinic visits. It is then that the husband will either opt for a divorce or leave his wife. To you this hasn’€™t happened.

LULU: Andifuni ukuxoka mna azange ikhe indehlele lo nto leyo kuba ndizazi ngoku umntwana sele ekhona and into eyenzekayo ndathi ukuba oogqirha base Red Cross bacele umntwana ukuba bamtsale igazi ndaphone(la) umyeni wam kwangoko wabe sesiza esibhedlele. Wathi zisiza ii-results wabe selapha umyeni wam sazifumana ngexesha elinye ii-results sobabini.

Translation: I don’€™t want to lie. This hasn’€™t happened to me. I knew about my status after my child was diagnosed with HIV when doctors at Red Cross Hospital asked to take blood tests of my child. I called my husband immediately and by the time the results came out he was next to me. We both saw the blood test results together.

THANDEKA: Ungathini ke kwaba bantu abaxolele ukuba umtshato uqhawuke endaweni yokuba bajonge phambili kuba becinga ukuba neHIV sisiphelo?

Translation: What would be your advice to people who think that to be HIV positive means a death sentence or the end?

LULU: Into endinokuyitsho kubo xa mhlawumbi ii-partners ezimbini kuye kwafumaniseka ukuba zi HIV positive andisiboni isizathu sokuba umntu abaleke komnye kuba kaloku ubaleka nalento anayo naye. I-partner yakho ayikwazi ivele ibe HIV positive kanti wena u-negative.

Translation: What I can say is that to those partners who have been diagnosed with HIV there’€™s no need for them to separate because when you run away, you’€™ll be running away with something that you have as well. There’€™s no way that your partner can be HIV positive and you stay negative.

E-mail Thandeka Teyise

Author

  • Health-e News

    Health-e News is South Africa's dedicated health news service and home to OurHealth citizen journalism. Follow us on Twitter @HealtheNews